1
2INKCAZO‐JIKELELE NGEEMFANELO ZOLUNTU
3ISINGENISO
4
5Njengoko iimfanelo zesidima soluntu semvelo kunye neemfanelo zoluntu‐jikelele olungenakunikelwa olusisisekelo senkululeko, ubulungisa noxolo emhlabeni.
6
7Njengoko ukungananzi nokudelelwa kweemfanelo zoluntu ezingunobangela weziphumo zobukrwada ezithi zibangele ingcwangu kwisazela soluntu, kunye nesiqalo nokufika kwelizwe apho uluntu luza kuxhamla ukuthetha ngokukhululekileyo, inkolo nenkululeko engenaloyiko kunye neemfuno ezazisiweyo njengeminqweno yoluntu‐jikelele.
8
9Kwananjalo kubalulekile ke ngoko, ukuba umntu anganyanzeliswa ukufumana uncedo, okwetyeli lokugqibela, ukuchasa ubundlobongela nengcindezelo, kuba iimfanelo zesidima sobuntu mazikhuselwe ngolawulo lomthetho.
10
11Njengokuba kubalulekile ukukhuthaza kokwandiswa kobuhlobo nemvisiswano phakathi kwezizwe.
12
13Njengoko uluntu Lwezizwe Ezimanyeneyo luthe lwaqinisekisa kukubaluleka kweemfanelo zesidima soluntu, oku kuxabiseka kwesidima nokuxabiseka koluntu nakwiimfanelo zamadoda namakhosikazi, bathe bazimisela ukukhuthaza inkqubela yezentlalo nomgangatho obhetele kwimpilo yoluntu ekhululekileyo.
14
15Njengoko amalungu obuRhulumente kunye nawezizwe ezimanyeneyo azimisele ukukhuthaza intlonipho yoluntu‐jikelele nokuqatshelwa kweemfanelo zoluntu nokubaluleka kwenkululeko.
16
17Njengoko iimvisiswano zesidima soluntu nenkululeko yoluntu zibalulekile ukuze kuzuzwe esi sithembiso,
18
19NGOKU‐KE NGENXA YOKO,
20
21Intlanganiso‐jikelele
22
23Yazisa ngale nkcazo‐jikelele engeemfanelo zoluntu ezikumgangatho oqhelekileyo wokuphumeza abantu bonke kunye nezizwe zonke, kude kube sekugqibeleni nokuba wonke ubani nakunye nemibutho yoluntu, ekufuneka igcine le nkcazelo, izame ukufundisa nokuqeqesha ukukhuthaza intlonipho yezomfanelo zoluntu nenkululeko, neendlela zenkqubela phambili, kwisizwe sonke nakumazwe angaphesheya ukuze kukhuseleke ummiselo‐jikelele nokuqapheleka, uqwalaselo, phakathi koluntu lwamalungu oburhulumente ngokwawo, kunye nabantu bezizwe ezibaphetheyo.
24Inqaku loku‐1
25
26Bonke abantu bazalwa bekhululekile belingana ngesidima nangokweemfanelo. Bonke abantu banesiphiwo sesazela nesizathu sokwenza isenzo ongathanda ukuba senziwe kumzalwane wakho.
27Inqaku lesi‐2
28
29Wonke umntu unamalungelo kwiimfanelo nenkululeko eziqulathwe kule nkcazelo, ngaphandle kokwahlulwa ngobuhlanga, ibala, ubuni, ulwimi, inkolo, ezopolitiko nezinye izimvo, ezesizwe okanye ezentlalo, ezokuzalwa okanye namanye amawonga.
30
31Ngaphezu koko, akukho mahluko unokwenziwa usekelwe kwezopolitiko, ulawulo lwezobulungisa okanye amawonga ezizwe nezizwana okanye ummandla apho umntu akhoyo, nokuba uzimele, ukuthembeka, urhulumente ongazimelanga okanye nokuba zeziphi indlela zokunciphisa ulawulo lobukumkani.
32Inqaku lesi‐3
33
34Wonke umntu unelungelo lokuphila, inkululeko kunye nokhuseleko.
35Inqaku lesi‐4
36
37Akukho namnye oya kugcinwa ebukhobokeni nakukhuselo lomnye umntu, kanti urhwebo ngamakhoboka aluvumelekanga nangayiphina indlela.
38Inqaku lesi‐5
39
40Akukho namnye oyakuphathwa gadalala, ngenkohlakalo, ngokungenabuntu okanye ngempatho eluhlazo okanye isohlwayo.
41Inqaku lesi‐6
42
43Wonke umntu unelungelo lokwamkelwa yonke indawo njengomntu phambi komthetho.
44Inqaku lesi‐7
45
46Bonke abantu bayalingana phambi komthetho kwaye benamalungelo ngaphandle kocalu‐calulo ngokulinganayo kukhuseleko lomthetho. Bonke abantu banelungelo lokhuselo olulinganayo oluchasene naluphina ucalu‐calulo olwaphula le nkcazelo, nangokuchasene neendlela zothelekiso kucalu‐calulo.
47Inqaku lesi‐8
48
49Wonke umntu unelungelo loncedo lwesiphumo sobuchule benkundla yamatyala esizwe ngokomthetho owaphula iimfanelo ezibalulekileyo ezinikelwa ngumthetho wolawulo.
50Inqaku le‐9
51
52Akukho namnye oza kubanjwa ngendlela engaqondakaliyo, abe libanjwa okanye abe selubhacweni.
53Inqaku le‐10
54
55Wonke umntu unelungelo elipheleleyo elilinganayo nelilungileyo nokuxoxwa kwetyala esidlangalaleni yinkundla ezimeleyo okanye inkundla zamatyala ezingakhethi cala ekumisweni kwamalungelo nemfanelo zoluntu kunye naluphi na ulwaphulo mthetho amangalelwe ngalo.
56Inqaku le‐11
57
581. Wonke umntu omangalelwe kuba enetyala, unelungelo lokubonwa engenatyala ade abe ufunyenwe enetyala ngokwasemthethweni kwinkundla yamatyala apho ebe nesiqiniseko esifanelekileyo sokhuseleko.
59
602. Akukho namnye oya kufunyanwa enesohlwayo setyala ngenxa yomthetho okanye ukushiya isenzo esingamisa isohlwayo setyala, ngaphantsi kwamatyala esizwe nawezizwe‐jikelele, nangexesha lokwenzeka kwetyala. Nakuba kubekwe isigwebo esinzima kunesiya esasisetyenziswa ngexesha lokwenzeka kwetyala.
61Inqaku le‐12
62
63Akukho namnye oya kuphazanyiswa kubomi obubobakhe, kusapho lwakhe, kwikhaya lakhe okanye ngokwembalelwano, nokuba kukuhlaselwa okuhlisa isidima nodumo lomntu. Wonke umntu kufanelekile ukuba akhuselwe ngumthetho ekuphazanyisweni okanye kuhlaselo.
64Inqaku le‐13
65
661. Wonke umntu unelungelo lokuhamba nokuhlala phakathi kwemida yasebuRhulumenteni.
67
682. Wonke umntu unelungelo lokushiya nokuba leliphi ilizwe nelakhe ngokunjalo kwaye aphinde abuyele kwelakhe ilizwe.
69Inqaku le‐14
70
711. Wonke umntu unelungelo lokucela aze axhamle indawo yokhuseleko elubhacweni kwamanye amazwe.
72
732. Eli lungelo alinakukhuselwa wakumangalelwa ngenyaniso engenamvelaphi, ulwaphulo‐mthetho olungenazipolitiki okanye kumthetho ochasene neenjongo zomthetho‐siseko zeZizwe ezimanyeneyo.
74Inqaku‐15
75
761. Wonke umntu unelungelo lobuhlanga.
77
782. Akukho namnye oya kuhluthwa ubuhlanga bakhe okanye ahluthwe ilungelo lokutshintsha ubuzwe bakhe.
79Inqaku le‐16
80
811. Amadoda namakhosikazi aselekhulile, ngaphandle kokuthintelwa ngenxa yobuhlanga, ubuzwe okanye inkolo, banelungelo lokutshata babe nosapho. Banamalungelo alinganayo emtshatweni naxa sewuqhawukile.
82
832. Kuya kutshatwa ngokukhululekileyo nangokupheleleyo ngemvume yabo baza kuba ngumyeni nenkosikazi.
84
853. Usapho lusisisekelo esibalulekileyo sendalo kuluntu kwaye lunelungelo lokhuseleko oluvela kuluntu nakuRhulumente.
86Inqaku le‐17
87
881. Wonke umntu unelungelo lokuba nezinto ezizezakhe yedwa kunye nezo azidibanele nabanye.
89
902. Akukho namnye oyakuhluthwa athathelwe izinto zakhe.
91Inqaku le‐18
92
93Wonke umntu unelungelo leengcinga ezikhululekileyo isazela nokholo, eli lungelo liquka inkululeko yokutshintsha ukholo lwakho okanye ukukholwa nenkululeko yoko unokukwenza wedwa okanye nobudlelwane nabanye nokuba kusesidlangalaleni okanye emfihlakalweni, ukucacisa inkolo yakho okanye ukukholelwa kwimfundiso, ukwenza unqulo nokugcina izithethe.
94Inqaku le‐19
95
96Wonke umntu unelungelo lokucinga nokuthetha ngokukhululekileyo, eli lungelo liquka inkululeko yokuveza uluvo lwakhe ngaphandle kokuphazamiseka nokuzama ufumana ukuze udlulise ulwazi neengcinga nangaziphi na iintlobo zosasazo nokuba kukweyiphi na imida.
97Inqaku la‐20
98
991. Wonke umntu unelungelo lenkululeko yeendibano zoxolo kunye neentlanganiso zoxolo.
100
1012. Akukho namnye oya kunyanzeliswa ukuba abe lilungu lentlangano.
102Inqaku la‐21
103
1041. Wonke umntu unelungelo lokuthabatha inxaxheba kwezobuRhulumente belizwe lakhe ngqo okanye ngokusetyenziswa kwamalungu akhethiweyo.
105
1062. Wonke umntu unethuba elilinganayo lokusebenzela uRhulumente welizwe lakhe.
107
1083. Intando yoluntu iya kuba sisisekelo sempatho kaRhulumente; le ntando iyakubonakaliswa ngamaxesha athile nangobunyani belungelo lovoto eya kwenziwa ngokufihlakeleyo okanye ngendlela elinganayo yokuvota ngenkululeko.
109Inqaku la‐22
110
111Wonke umntu njengelungu lombutho woluntu, unelungelo lokhuseleko lombutho woluntu kwaye enelungelo lokuphumeza, ngeenzame zobuzwe nangemvisiswano zamazwe nangokuvumelana nemibutho namacebo obuRhulumente ngokwezoqoqosho, ezentlalo namalungelo amasiko neemfanelo zesidima nenkululeko engenkqubela‐phambili yobuntu bakhe.
112Inqaku la‐23
113
1141. Wonke umntu unelungelo lokusebenza, ukuzikhethela umsebenzi ngokukhululekileyo, ubulungisa neemfuneko ezifanelekileyo zomsebenzi, kunye nokukhuseleka okuchasene nokungabinamsebenzi.
115
1162. Wonke umntu ngaphandle komkhethe, unelungelo lomvuzo olinganayo ngomsebenzi olinganayo.
117
1183. Wonke umntu osebenzayo unelungelo lobulungisa bokukhetha intlawulo ukuqinisekisa ukuba yena nosapho lwakhe baphila impilo enexabiso nesidima sobuntu, eya kuthi yongezwe kwakuba nemfuneko, ngezinye iindlela zokukhusela intlalo yoluntu.
119
1204. Wonke umntu unelungelo lokubumba okanye abe lilungu lweemanyano zorhwebo, ukukhusela iimfanelo zakhe.
121Inqaku la‐24
122
123Wonke umntu unelungelo lokuphumla nokuba nexesha lokuphola, kunye namaxesha avumelekileyo okusebenza namaxesha eholide ezuza umvuzo.
124Inqaku la‐25
125
1261. Wonke umntu unelungelo lentlalo esemgangathweni ngokuphila impilo efanelekileyo kunye nosapho lwakhe, kunye nokutya, impahla, indawo yokuhlala, unyango kunye neenkonzo ezibalulekileyo zentlalo, kwanelungelo lokhuseleko wakungasebenzi, wakugula, wakuba ngumlwelwe, ngumhlolokazi, ngumdli‐mhlalaphansi okanye wakuswela impilo ngokungalawulekiyo.
127
1282. Ubunina nobuntwana bulungelwe yinkathalelo ebalulekileyo kunye noncedo olukhethekileyo. Bonke abantwana nakuba bengazalwa emtshatweni mabaxhamle ukhuseleko lwentlalo ngokulinganayo.
129Inqaku la‐26
130
1311. Wonke umntu unelungelo lemfundo. Kuza kuba nomfundaze kwabaqalayo nakwimigangatho ebalulekileyo. Imfundo yabaqalayo iya kunyanzeliswa. Imfundo ngezobugcisa kunye nokufundela umsebenzi kuya kwenziwa ukuba kufumaneke kanti imfundo ephakamileyo nayo iya kwenziwa ukuba ifumaneke ngokulinganayo kuluntu lonke njengesiseko sempumelelo.
132
1332. Imfundo iza kujoliswa ngqo kwinkqubela phambili epheleleyo yoluntu nokomelezwa kwentlonipho yamalungelo oluntu nokubaluleka kwenkululeko. Iza kuxhasa imvisiswano, ukunyamezelana nobuhlobo phakathi kwezizwe, ubuzwe, namaqela eenkolo eyakuthi iphuhlise umsebenzi wamazwe jikelele ukuze kugcinwe uxolo.
134
1353. Abazali banelungelo elibalulekileyo lokukhetha uhlobo lwemfundo eyakuthi ifundiswe abantwana babo.
136Inqaku la‐27
137
1381. Wonke umntu unelungelo lokuthabatha inxaxheba ngokukhululekileyo kwinkqubela yelizwe lakhe, onwabele inkcubeko kunye nesabelo senkqubela phambili yenzululwazi kunye noncedo lwezo zinto.
139
1402. Wonke umntu unelungelo lokhuseleko, lwempatho kunye nezo zinto athi azithande ezithi zibe ziziphumo zezayo nayiphina inkqubela, ubuchule bokufunda nokubhala okanye ubugcisa bemveliso yombhali.
141Inqaku la‐28
142
143Wonke umntu unelungelo lentlalo yoluntu kunye neyezizwe‐jikelele apho amalungelo nenkuleleko alenkcazo‐jikelele athi amkeleke khona.
144Inqaku la‐29
145
1461. Wonke umntu kufuneka asebenzele uluntu aphila phakathi kwalo, apho inkululeko nenkqubela‐phambili epheleleyo neyamkelekileyo yoluntu ithi ifumaneke khona.
147
1482. Ekusebenziseni amalungelo nenkululeko, wonke umntu uya kuba phantsi kwempembelelo ezimiselwe ngumthetho ngezizathu zokuqinisekisa ulwamkeleko ngentlonipho yamalungelo nenkululeko yabanye, ukuhlanganiswa kweemfuneko yokuziphatha kakuhle, esidlangaleni nentlalo‐ntle ngokolawulo lwedemokrasi.
149
1503. La malungelo neenkululeko zoluntu mawangasetyenziswa ngendlela ephikisana neenjongo nemithetho yamazwe abumbeneyo.
151Inqaku la‐30
152
153Le nkcazo‐jikelele mayingatolikwa ngenjongo yokuba imele ezobuRhulumente, iqela okanye umntu owenza isithembiso okanye osenzo sineenjongo ezingatshabalalisa nokuba ngowuphi na umqathango wamalungelo kunye neenkululeko zoluntu ekuthethwa ngazo apha.
154